Skip to content

Indonga

Amanda
Popularity ยท Low

YouTube

Searching YouTube...

Lyrics

Nguban' Obenokuyifunda Lencwad' Inamatywina Nguban' Obenokuyilesa Amatywina Asixhenxhe Kwakumele Ndifundile Ngokungazi Nam Ndinetyala Kwakumele Ukuba Ndiqiqile Intswelalwazi Bubuyatha Zazindivalele (Ndithetha Ngendonga) Zazindivalele (Ndithi Ndonga) Zazindivalele (Indonga, Indonga, Indonga) Us'thathaphi Isibind' Esingaka Sokundakhela Amayelekenqe Sivela Isibind' Esinje Sofun' Ukundifaka Emanyaleni Hhayi Ndiyabona Awazi Ngekuzigqibe Izinto Ngek' Uzazi Zonke Hhayi Ndiyabona Ndijonge Phambi Kwamehlo Wakho Oh Zazindivalele (Ndithi Indonga) Zazindivalele (Indonga Ngabantu) Zazindivalele (Ngoba Indonga Zizinto, Izinto Zikutsalel' Emva) Bekumele Ndijikelwe Zizihlandlu Ezingaka Bekufanele Ndijikelwe Zizihlandlu Ezingaka Kwakumele Ndizidilizil' Indonga Ah Oh Ndizawuhamba Ndingena Valo Lwanto Ndizawuhamba Ndingenak' Ukweyika Ezindonga Ndizazidiliza Noba Kunjani Indonga Ndizazidiliza Noba Kutheni Na Zazindivalele (Ndithi Indonga Ngabantu) Zazindivalele (Abantu Abafuna Ukukubona Uwela Emhlabeni) Zazindivalele (Ndithi Indonga Ngabantu, Indonga Ngabantu) Abafuna Ukukubona Uwela Emhlabeni Zazindivalele (Ndonga) Zazindivalele (Ndonga Zazindivalele)